Luke 8:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku nxa bebeselisha, walala ubutongo: kwaza kwehla uqwitela lwomoya pezu kwolwandlana, bada bafun’ ukuzalelwa ngamanzi, baza kuba semgcipekweni ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, bakubon ukuba bayahamba ngomkhombe, walala ubuthongo. Kwehla uqhwithela lomoya edikeni apho, waye uzala ngamanzi usengozini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayahamba ngomkhombe, walala ubuthongo. Kwehla uqhwithela lomoya edikeni; bazaliswa ngamanzi, baba semngciphekweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekuhambeni kwabo uYesu walala ubuthongo. Kwavuka isaqhwithi elwandle, isikhitshana sazala ngamanzi, baba sengozini.