Luke 8:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Beza kuye bamvusa, besiti: Nkosi, Nkosi, siyabuba! Wavuka ke wakalimela umoya nokulwa kwamanzi; kwapeza ke, kwaza kwabako ukuzola.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza ke bamvusa, besithi, Mongameli, Mongameli, satshabalala. Wavuka ke yena, wawukhalimela umoya nokulatyuza kwamaza; zapheza ezo zinto, kwabakho ukuzola.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza ke bamvusa, besithi, Mfundisi, nkosi, siya kufa. Wavuka ke, wawukhalimela umoya nokulatyuza kwamaza; zapheza, kwabakho ukuzola.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza abafundi bamvusa uYesu, besithi: “Mhlekazi, safa!” Wavuka ke uYesu, wawukhalimela umoya namaza alatyuzayo. Wadamba umoya, amaza ayeka ukulatyuza, kwabakho ukuzola.