Luke 8:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kubo: Lupina ukolo lwenu? Kodwa bebesoyika bati nqa, besiti omnye kwomnye: Ngubanina kanti lo, eyalela nemimoya namanzi nje, zimve ke?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke kubo, Luphi na ukholo lwenu? Bathe, kuba besoyika, bamangaliswa, besitshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto ayithethela imimoya kwanamanzi, zimlulamele ezo zinto?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Luphi na ukholo lwenu? Basuka boyika, bamangaliswa, batshono ukuthi, Ngubani na lo? kuba uyalela kwanemimoya namanzi, zimthobele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza wathi kubo: “Luphi na ukholo lwenu?” Bona ke babesoyika, bemangalisiwe, besithi omnye komnye: “He bethu, ngumntu onjani lo ude alulanyelwe ngumoya nangamanzi!”