Luke 8:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati kekaloku yakubona u‐Yesu, yadanduluka, yawa pantsi pambi kwake, yati ngelizwi elikulu: Ndiyinto nina kuwe, Yesu, Nyana katixo opezu konke? ndiyakukunga, zungandimbeli!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ithe ke yakumbona uYesu, yakhala kunene, yawa phambi kwakhe, yathi ngezwi elikhulu, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kukhunga ukuba ungandithuthumbisi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ithe ke yakumbona uYesu, yakhala kunene, yawa phambi kwakhe, yathi ngezwi elikhulu, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiyakukhunga, ungandithuthumbisi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ithe ke, yakumbona uYesu, yakhala, yawa phambi kwakhe, isithi ngezwi elikhulu: “Ufuna ntoni kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Ndiyakubongoza ukuba ungandithuthumbisi.”