Luke 8:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
(Ngokuba ebeyalele umoya onco̔lileyo ukuba apume emntwini lowo; ngokuba bekukaninzi ebemqubule; wabegcinwa enxityiwe ngemixokelelwane nangamakamandela; waza eqaula izinxibo wagxotelwa ezindaweni ezilubala yidemoni.)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ebewuthethele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini lowo. Kuba bekuba futhi umthi hlasi; wayebotshwa ngemixokelelwane nangamakhamandela, egciniwe; asuke azijace izibophelelo aqhutyelwe yidemon entlango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
(Kuba wayewuthethele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini; kuba futhi wawumbamba, ekhonkxiwe ngamakhamandela namakhamandela, waye wawaqhawula amakhamandela, wakhutshelwa entlango nguMtyholi.)
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yatsho kuba uYesu wayeyikhalimele indimoni ukuba iphume kuyo, kuba kwakukaninzi le ndimoni iyihlasela, ize ke igcinwe ngokubotshwa ngamatyathanga nangamakhamandela, kanti yayisuka iziqhawule izibophelelo, isiwe entlango yindimoni leyo.