Luke 8:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saza sonke isihlwele sasezweni elipahlayo lama‐Gadara samtandaza ukuba emke kubo; ngokuba bebebanjwa kukwoyika okukulu. Waza yena wangena enqanaweni, wabuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yamcela yonke inkitha yommandla wabaseGadara, ukuba emke kubo; ngokuba babebanjwe kukoyika okukhulu. Uthe ke yena, engene emkhombeni, wabuya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yamcela yonke inkitha yommandla wabaseGadara, ukuba emke kubo; kuba babebanjwe kukoyika okukhulu. Wenyuka ke waya emkhombeni, wabuya wabuya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaza yonke loo nkitha yommandla wamaGergesa yambongoza uYesu ukuba emke khona, kuba babesoyika kakhulu. UYesu ke waya kungena esikhitshaneni, wemka.