Luke 8:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bona ke, kwafika indoda egama lalingu‐Yahiri, ebingumpati wendlu yentlanganiso, yawa pantsi ngasezinyaweni zika‐Yesu, yambongoza ukuba angene endlwini yayo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabonakala kusiza indoda egama linguYayiro; yaye yona ingumphathi wendlu yesikhungu. Yawa ezinyaweni zikaYesu, yayimbongoza ukuba eze endlwini yayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwabonakala kusiza indoda egama linguYayiro, yaye yona ingumphathi wendlu yesikhungu, yawa ezinyaweni zikaYesu, yambongoza ukuba aye kungena endlwini yayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwabonakala kusiza indoda egama linguJayiro, eyayiligosa lendlu yesikhungo. Yona yazikhahlela phantsi ngasezinyaweni zikaYesu, yambongoza ukuba eze endlwini yayo,