Luke 8:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela imbewu yake; nasekuhlwayeleni kwake, inxenye yawa ngasendleleni; yaza yanyatelwa, zati intaka zezulu zayidla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe.Ekuhlwayeleni kwakhe yawa enye ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayigqiba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni; yaza yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayidla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe enye yawa ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zayichola-chola zayigqiba.