Luke 9:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekalolu imini yaqala ukusangana; baza abalishumi linababini beza bati kuye: Sindulule isihlwele; baze bemke baye emizini epahlayo nasemapandleni, balalise, bafumane nento yokutya; ngokuba apa sisendaweni elubala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku yaqala ukumka imini. Beza ke abalishumi elinababini, bathi kuye, Zindulule izihlwele, ukuze bemke, baye emizini ejikelezileyo, nasemaphandleni, balale, ze bafumane into edliwayo; ngokuba apha sikwindawo eyintlango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, kwakubon’ ukuba selithambekile ke ilanga, beza abalishumi elinababini, bathi kuye, Zindulule izihlwele, ukuze ziye emizini nasemaphandleni, zilale, zifumane ukudla; ngokuba sisentlango apha indawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yakuba ke isimka imini, abafundi abalishumi elinambini bathe kuYesu: “Sindulule isihlwele, abantu bemke, baye ezidolophini ezijikelezileyo nasezilalini, balale, bafumane ukutya, kuba apha sikwindawo engenamizi.”