Luke 9:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wati kubo: Bapeni nina ukuba batye. Baza bati: Asinanto epezu kwezonka ezihlanu nentlanzi ezimbini, ukuba asiti umhlaumbi siye sitengele bonke ababantu ukudla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke kubo, Bapheni nina badle. Bathi ke bona, Akukho nto sinayo ingaphezu kwezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini; singaba kambe siya kuya sibathengele izinto ezidliwayo bonke aba bantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke yena kubo, Bapheni nina batye. Bathi ke bona, Asisenanto ingeyiyo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini; ngaphandle kokuba siye kubathengela inyama aba bantu bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena wathi kubo: “Bapheni nina ukutya, batye.” Bathi bona: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela. Asinakubatyisa ngaphandle kokuba siye kubathengela ukutya bonke aba bantu.”