Luke 9:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ebengati amadoda ngamawaka amahlanu. Wayesiti kubadisipile bake: Bahlaliseni pantsi ngamaqela, ngawamashumi mahlanu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba amadoda ngathi ayemawaka mahlanu. Wathi ke kubafundi bakhe, Bangqengqiseni, babe yimityino emashumi ngamahlanu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba amadoda ngathi ayemawaka mahlanu. Wathi ke kubafundi bakhe, Bangqengqise babe ngamaqela ngamashumi ngamahlanu, babe ngamahlanu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
(Kwakukho amadoda akumawaka amahlanu.) Wathi kubafundi bakhe: “Bahlaliseni babe ngamaqela ngamaqela, iqela ngalinye libe ngamashumi amahlanu.”