Luke 9:42 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku nxa ebeseza, yamti kahla idemoni, yamṙuzula. Koko u‐Yesu watetisa umoya onco̔lileyo, wapilisa umfana, wamnikela kanjako kuyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubon ukuba useza ke, isuke idemon yamntlala, yambetha, wathi xhwenene kunene. Wawukhalimela ke uYesu umoya ongcolileyo, waphilisa umntwana, wambuyisela kuyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubon’ ukuba useza ke, isuke idemon yamntlala, yambetha, wathi xhwenene kunene. Wawukhalimela uYesu umoya ongcolileyo, waphila umntwana, wambuyisela kuyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Eseza ke, indimoni isuke yamhlasela watsho waxhuzula. Wayikhalimela indimoni uYesu, waphila umntwana, wambuyisela kuyise.