Luke 9:52 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watuma izitunywa pambi kwobuso bake; ezaya zangena emzini wama‐Samariya, ukuze zimlungisele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; behambile ke, bangena emzaneni wamaSamariya ukuba bamlungiselele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; baya ke, bangena kwidolophana yamaSamariya, ukuba bamlungiselele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku wathuma abathunywa bakhe, ukuba bamandulele. Bahamba ke, baya kungena kwidolophana yamaSamariya, khon' ukuze bamlungiselele;