Luke 9:58 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yesu wati kuye: Impungutye zineminxu̔ma, nentaka zezulu zinendawo zokuhlala; kanti unyana wesintu akanandawo apo angalalisa kona intloko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uYesu wathi kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; ke yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendlwana; yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwana; kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”