Malachi 1:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina kwa pakati kwenu oya kuvala ingcango? ewe, aniyi kubasa pezu kwesibingelo sam ungeko umvuzo. Andinaluyolo kuni, utsho uyehova wemikosi, andiyi kuwamkela umnikelo wokudla esandleni senu kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akwaba bekukho umntu kuni ozivalileyo iingcango, anasibanekela ilize isibingelelo sam! Andininanze nganto, utsho uYehova wemikhosi, andikholiswa nangumnikelo ophuma esandleni senu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na kuni oya kuzitshixa iingcango ngelize? musani ukufaka umlilo kwisibingelelo sam. Aninanzeleli kuni, utsho uYehova wemikhosi; andiyi kuyamkela esandleni senu imibingelelo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Akwaba bekungakho ubani kuni owavalayo amasango ale ndlu, ukuze niyeke ukwenza imililo ephuthileyo kweli qonga! Andanelisekanga tu nini, futhi andiyi kwamkela nto esandleni senu.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.