Malachi 1:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko kwa sekupumeni kwelanga kude kube sekutshoneni kwalo, loba likulu igama lam pakati kwezizwe; nakuzo zonke indawo isiqu̔miso siya kunikelwa kwigama lam nomnikelo wokudla ococekileyo: ngokuba igama lam liya kuba likulu pakati kwezizwe, utsho uyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba kuthabathela ekuphumeni kwelanga, kude kuse ekutshoneni kwalo, likhulu igama lam phakathi kweentlanga;nasezindaweni zonke kuqhunyiselwa, kunikelwe igama lam umnikelo ohlambulukileyo; ngokuba likhulu igama lam phakathi kweentlanga; utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kuthabathela ekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, likhulu igama lam phakathi kweentlanga; yaye kuyo yonke indawo kuya kwenziwa isiqhumiso egameni lam nombingelelo osulungekileyo, ngenxa yokuba igama lam liya kuba likhulu phakathi kweentlanga,” utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukususela empumalanga, kuye entshonalanga, igama lam loba yimbalasane ezizweni. Ewe, kuyo yonke indawo igama lam lenzelwa iziqhumiso, kunikelwa iminikelo ehlambulukileyo; kaloku igama lam liyimbalasane ezizweni.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.