Malachi 1:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokokuba isiti i‐Edome: Sihlentshuzisiwe, kodwa sobuya siwake amanxuwa; utsho uyehova wemikosi ukuti: Bangaka bona, kodwa ndiya kuci̔ta mna; babeya kubizwa ngokuti: Ngumda wenkohlakalo; nangokuti: Ngabantu uyehova abaqumbelayo kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekubeni ke uEdom esithi, Sivikivekile, siya kubuya siwakhe amanxuwa; utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kwakha bona, kodwa mna ndiya kugungxula; kothiwa, Bangumda wokungendawo, ngabantu ababhavumelayo uYehova kude kuse ephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoxa uEdom wathi: “Sizizisweli, kodwa siya kubuya siwakhe amanxuwa; utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Bona baya kwakha, kodwa mna ndiya kugungxula; yaye baya kuzibiza ngokuba: “Isiphelo sobungendawo yaye: Ngabantu abacaphukeleyo uYehova ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaEdom angasuka athi: “Nakuba sikhahlelwe phantsi nje, kodwa sosuka siwavuse siwakhe la mabhodlo.” Ke utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Makakhe kaloku, kodwa mna ndosuka ndidilize konke nje. Kuya kuthiwa bangummandla wobugwenxa, abantu abasoloko bephantsi kwengqumbo kaNdikhoyo.