Malachi 1:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ongunyana uyambeka uyise, nosisicaka inkosi yake: ukuba ke ndinguyise, kupina ukubekwa kwam? nokuba ndiyinkosi, kupina ukwoyikwa kwam? utsho uyehova wemikosi kuni, baperisite, abadelayo igama lam! Niti noko: Igama lako silidelile ngokuyinina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Unyana uyambeka uyise, umkhonzi uyayihlonela inkosi yakhe;ukuba ndinguyihlo, kuphi na ke ukubekwa kwam? ukuba ndiyinkosi, kuphi na ukoyikwa kwam? utsho uYehova wemikhosi kuni, babingeleli, nina balidelileyo igama lam. Nibe ke nisithi, Silidele ngokuthini na igama lakho?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Unyana uyambeka uyise, nomkhonzi uyayihlonela inkosi yakhe; ukuba ndinguyihlo, kuphi na ukubekwa kwam? ukuba ndingukumkani, kuphi na ukoyikwa kwam? Utsho uYehova wemikhosi kuni, nina babingeleli, nina balinyelisa igama lam; Nithi ke, Silihlambele ngantoni na igama lakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Unyana uyamhlonela uyise, kanti nesicaka siyayithobela inkosi yaso. Ukuba ke mna ndinguyihlo, kuphi ukuhlonitshwa kwam? Ukuba ndiyinkosi, kuphi ukoyikwa kwam?” Utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Nini, babingelelindini, abalidelayo igama lam.” “Ke nina nithi: ‘Silidele ngokuthini igama lakho?’