Malachi 1:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo xeshekweni ninikelayo into eyimfama ibe lidini, asi kuko okubi na? naxeshekweni ninikelayo esisiqwala nengumlwelwe, asi kuko okubi na? yinikeleni ke kwinkosi yako; yokoliswa nguwe na? umhlaumbi yobubuka ubuso bako na? utsho uyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba nizisa into eyimfama ukuba ibingelelwe, akunto imbi oko? Ukuba nizisa into esisiqhwala nento efayo, akunto imbi oko? Khawuyisondeze loo nto kwinkosi yakho, ukuba yokholiswa na nguwe; yokunonelela na? utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba nizisa umntu oyimfama njengombingelelo, akunto imbi oko? Ukuba nibingelela ngesiqhwala nangesifayo, akunto imbi oko? Linike kaloku irhuluneli yenu; Ngaba uya kuvuya nawe, okanye athathe ubuntu bakho? utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ningathini ukundenzela idini ngento etyhaphakileyo? Asiyonto imbi na leyo? Ningathini ukundenzela amadini ngempahla eqhwalelayo negulayo? Asiyonto imbi na leyo? Ninganikela ngayo na kwirhuluneli yenu? Ngaba inganeliseka na nguwe?” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.