Malachi 2:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Juda wenzile ngobuxoki, nento eyintshontsho yenziwe kwa‐Sirayeli nase‐Yerusaleme; ngokuba u‐Juda ebudyobile ubungcwele bukayehova, obo wabutandayo, wayizeka intombi yotixo wasemzini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Unginizile uYuda, kwenzeka amasikizi kwaSirayeli naseYerusalem; ngokuba uYuda uyihlambele ingcwele kaYehova ayithandayo, wazeka intombi yothixo wolunye uhlanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYuda wenze ngobumenemene, kwenziwe amasikizi kwaSirayeli naseYerusalem; kuba uYuda wayebuhlambele ubungcwele bukaYehova awayemthanda waza watshata intombi yothixo wasemzini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu bakwaJuda bazaphule izibhambathiso; benze amasikizi kwelakwaSirayeli naseJerusalem. Ewe, abantu bakwaJuda basixabhele isibingelelo asithandayo *uNdikhoyo, batshata neentombi ezinqula uthixo wasemzini.