Malachi 2:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanene akamnye na amdalileyo, nakuba abenesisalela somoya? Ebemnye nganina? Ngokuba efuna inzalo katixo. Ngako lumkelani umoya wenu, ukuba kungabiko owenza ngobuxoki emfazini wobutsha bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubangakho namnye ukwenzayo oku, obenamasalela omoya. Ke wenza ntoni na omnye lowo? Wafuna imbewu yakwaThixo. Wugcineni ngoko umoya wenu, ungamnginizeli umfazi wobutsha bakho;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akayenzanga na enye? Nakuba kunjalo, wayenazo iintsalela zomoya. Kwaye kutheni? Ukuze afune imbewu yobuthixo. Ke kaloku, yigcineni imiphefumlo yenu, yaye makungabikho bani owonayo kumfazi wobutsha bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andithi na kaloku uNdikhoyo indoda nomfazi wabenza baba banye ngomzimba nangomoya? Ngani abenze babe banye? Wayefuna babe nenzala emhlonelayo uThixo. Ngoko ke wulawuleni umoya wenu, ungazaphuli izithembiso ozenze nomfazi wobutsha bakho.