Malachi 2:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba etiya ukuba kulahlwe, utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, nokuba indoda igubungele ingubo yayo ngobudlwengu, utsho uyehova wemikosi: ngako lumkelani umoya wenu, ukuba ningenzi ngobuxoki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba ndikuthiyile ukwala, utsho uYehova, uThixo kaSirayeli;ndimthiyile nogubungela ingubo yakhe ngogonyamelo, utsho uYehova wemikhosi; wugcineni ke umoya wenu, ninganginizi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba, uYehova, uThixo kaSirayeli, uthi, uluthiyile ulwaluko; ngokuba umntu ugubungela ubugwenxa ngengubo yakhe, utsho uYehova wemikhosi; Zigcineni ke imiphefumlo yenu, ukuze ningenzi ubugqwetha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndiluthiyile uqhawulo-mtshato,” utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli. “Indoda eyenjenjalo imambathisa ngenkohlakalo umfazi wayo,” utsho uNdikhoyo onamandla onke. Ngoko ke wulawuleni umoya wenu, ningazaphuli izithembiso zenu.