Malachi 2:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NIMDINISILE uyehova ngamazwi enu. Noko niti: Simdinisile ngokuyinina? Ngokutsho kwenu ukuti: Bonke abakwenza okukohlakeleyo balungile emehlweni kayehova, uyabatanda; umhlaumbi ngokuti: Upina utixo wobugwebo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nimdinisile uYehova ngamazwi enu. Nithi ke, Simdinise ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Bonke abenza okubi balungile emehlweni kaYehova, ubananzile yena; okanye nithi, Uphi na uThixo wokugweba?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nimdinisile uYehova ngamazwi enu. Ke nina nithi, Simhluphe ngantoni? Xa nithi, Bonke abenza okubi balungile emehlweni kaYehova, uyakholiswa ngabo; okanye: Uphi na uThixo womgwebo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo udiniwe ngamazwi enu, nibe nisithi: “Simdinise ngantoni?” Nimdinise ngokuthi: “Bonke abenzi bobubi balungile emehlweni kaNdikhoyo; yena wanelisekile ngabo.” Kwakhona ke nina nithi: “Yaz'ba uphi na uThixo wobulungisa?”