Malachi 2:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba umlomo womperisite ngeugcina ukwazi, nomteto ngekufunwa wona emlonyeni wake; ngokuba yena esisitunywa sikayehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba umlomo wombingeleli ngowokugcina ukwazi, umyalelo bawufune emlonyeni wakhe; ngokuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba umlomo wombingeleli ngowokugcina ukwazi, nomthetho ufanele kufunwa emlonyeni wakhe, kuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Imilebe yombingeleli imelwe kukugcina ulwazi, abantu bafumane umyalelo emlonyeni wakhe, kuba kaloku ungumthunywa kaNdikhoyo onamandla onke.