Malachi 3:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zisani onke amashumi endlwini yokubekela, ukuze kubeko ukudla endlwini yam, nize nindilinge ke ngoku, utsho uyehova wemikosi, ukuba andiyi kunivulela na izituba zezulu, ndinitululele itamsanqa, kude kugqitise ukwanela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zisani zonke izishumi ebuncwaneni, ukuze kubekho ukudla endlwini yam; khanindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andithanga ndikuvulele na iingcango zezulu, ndinisikelele, ndinivulele iingcango zezulu. Ingakuchitheli kuhle, ukuba akuyi kubakho indawo eyaneleyo yokuyifumana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu.