Malachi 3:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, izizwe zonke ziya kuti ninetamsanqa; ngokuba niya kuba lilizwe elitandekileyo, utsho uyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo, ngokuba niya kuba lilizwe elinanziweyo; utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zonke iintlanga zothi nithamsanqelekile, kuba niya kuba lilizwe eliligugu, utsho uNdikhoyo onamandla onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke izizwe zonke zotsho zithi nithamsanqelekile, kuba ilizwe lenu loba lelihle kunene.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.