Malachi 3:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Boba yinto enqabileyo kum, utsho uyehova wemikosi, ngalomhla endiwenzayo; ndandiya kuba nezibele kubo, njengokuba uyise enezibele kunyana wake omkonzayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthi ke uYehova wemikhosi, Baya kuba yinqobo kum ngemini endenza oku, ndibaconge, njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye baya kuba ngabam, utsho uYehova wemikhosi, ngaloo mini ndisenza amatye am ayimfuneko; yaye ndiya kubaconga njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ngaloo mini ndikwenzayo oku bona baya kuba ngabantu bam abaxabisekileyo. Ndiya kuba nobubele kubo oku koyise onobubele kunyana wakhe osebenzisana kunye naye.