Malachi 3:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Niya kwandula nibuye niqiqe pakati kwolungileyo nokohlakeleyo, pakati kwalowo umkonzayo utixo, nalowo ungamkonziyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kulapho ke uya kubuyela khona, uhlule phakathi kwelungisa nongendawo, omkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nesikhohlakali, nditsho phakathi komkhonzayo uThixo nalowo ungamkhonziyo.”