Malachi 3:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa umhla wokuza kwayo ngubanina ongawunyamezelayo? kanjalo ngubanina ongemayo yakubonakala? ngokuba injengomlilo wencibi yegolide, nanjengesepe yabasuki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yakuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe? Ngokuba unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesoda yabaxovuli beengubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yakuza kwakhe? ngubani na oya kubakho ekubonakaleni kwakhe? ngokuba unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesepha yomxovuli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaz'ba ngubani na oya kuba nako ukuyinyamezela loo mini yokugaleleka kwakhe? Ingubani onokumelana naye akuthi gqi? Kaloku wofana nqwa nesephu ecocayo, abe matwa nomlilo wokunyibilikisa.