Malachi 3:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ndiya kusondela kuni kuze kugwetywe; ndandiya kuba linqi̔na elikaulezayo ngakuzo izanuse, nangakubo abaṙexezi, nangakubo abafungayo ngobuxoki, nangakubo abamhluta umqashwa umvuzo wake, ababandezela umhlolokazi nenkedama, nabasongayo owasemzini ebangweni lake, bengandoyiki mna, utsho uyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe; ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki, nakubacudisa umqeshwa ngenxa yomvuzo wakhe, nakubahlolokazi, nenkedama, nomphambukeli ophambukayo esandleni sakhe sokunene, engoyiki nto mna, utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ndiya kufika ndize kunigweba. Ngoko nangoko ndiya kubabek' ityala bonke abenza imilingo, abakrexezayo, abangqina ubuxoki, nabaqeshi abaqhatha abaqeshwa ngemivuzo yabo, nabo baxhaphaza abahlolokazi neenkedama nabangeneleli, nabo bonke abangandihloneliyo.”