Malachi 3:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndi nguyehova, andiguquki: kukona ningagqityelwanga, nina bonyana baka‐Yakobi!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba mna, Yehova, andiguquguquki; ukuze ningagqitywa nje niphele, nina nyana bakaYakobi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba mna, Yehova, anditshintshanga; ngoko ke, oonyana bakho bakaYakobi abazange batshabalale.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mna *ndinguNdikhoyo ongajika-jikiyo. Ke nina, nzala kaYakobi, anikatshabalali kwaphela.