Malachi 4:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bona ke, umhla uyeza, oya kuvuta njengeziko; bandule abar̔atshileyo, nabo bonke abayenza inkohlakalo, babe zindiza, uti umhla ozayo ubatshise, utsho uyehova wemikosi, ude ungabashiyeli nengcambo nesebe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba, yabonani, iyeza imini evutha njengeziko; baya kuba ziindiza bonke abakhukhumali, nabenzi bonke bokungendawo, ibalenye loo mini izayo, utsho uYehova wemikhosi, ingabashiyeli ngcambu nasebe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba nalo ilanga liphuma livutha njengelanga; basuke bonke abakhukhumeleyo, nabo bonke abenza ubutshinga, babe njengeendiza;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Inene iyeza imini evutha okweziko apho bonke abakhukhumeleyo nabenzi bobubi baya kutsha njengomququ. Ewe, ngaloo mini baya kutsha baphele tu, kungasali sebe nangcambu.