Malachi 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo nobanyatela pantsi abakohlakeleyo; ngokuba beya kuba lututu ngapantsi kwemizantsi yenyawo zenu, kulomhla endiwenzayo, utsho uyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu ngemini endikwenzayo oku; utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kubanyathela abangendawo; kuba baya kuba njengaphantsi kweentende zeenyawo zenu ngemini endiya kukwenza ngayo oku,’ utsho uYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngemini endikwenzayo oku abakhohlakeleyo niya kubanyhasha; kaloku baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.