Mark 1:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati nqa ke bonke, bada babuzisana omnye nomnye, besiti: Yinto nina le? lolwanina ufundiso olutsha olu, ukuba nomoya abanco̔lileyo ebayalela ngegunya, bamve ke?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baqhiphuka umbilini bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Le mfundiso intsha yiyiphi na, le nto noomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya, bamlulamele?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakhwankqiswa ke bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Yeyiphi imfundiso entsha? kuba oomoya abangcolileyo aba ubathethela ngegunya, bamthobele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “Yaz'ba yintoni na le nto! Ngaba yimfundiso entsha? Ngathi lo mfo ufundisa ngegunya! Ewe, neendimoni ezi uyazikhalimela zimthobele!”