Mark 1:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bati kwa oko, bakuba bepumile endlwini yentlanganiso, bangena endlwini ka‐Simone no‐Andreya, kunye no‐Yakobi no‐Johane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaoko, bakuphuma endlwini yesikhungu, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakuba bephumile endlwini yesikhungo, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baphuma ke *endlwini yesikhungo, kwangoko baya kwindlu kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.