Mark 10:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku akupumela endleleni, kweza umntu otile ngokubaleka, waguqa pantsi kuye, wambuza, esiti: Mfundisi olungileyo! ndiya kwenza nto nina ukuze ndidle ilifa lobomi obungunapakade?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubon ukuba uyaphuma, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ephumile ke, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa wayephuma uYesu ehamba, umntu othile weza ebaleka, waguqa phambi kwakhe, wambuza esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”