Mark 10:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yesu emkangele wamtanda, wati kuye: Inye into uyisweleyo: hamba, uye utengise ngako konke onako, upe amahlwempu, wauya kuba nendyebo ezulwini; uze ke, yipate ikuruse, ulandele mna.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke uYesu, ondele kuye, wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza ke undilandele, uwuthwele umnqamlezo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke uYesu, ondele kuye wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza, uwuthabathe umnqamlezo, uwulandele, mna.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wathi akumondela, weva emthanda, wathi kuye: “Kukho nto inye uyisweleyo: hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, uyiphe amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”