Mark 10:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati kekaloku abadisipile batela nqa amazwi ake. Kodwa u‐Yesu wabuya wapendula, wati kubo: Lusapo! kunqabile kangakananina ukuba abo batembela ebutyebini bangene ebukumkanini bukatixo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke bathi qhiphu umbilini abafundi ngamazwi akhe. Aphinde ke uYesu, aphendule athi kubo, Bantwana, hayi, ukuba ngenkankulu ukuthi abo bakholose ngobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakhwankqiswa ke abafundi ngamazwi akhe. Wabuya waphendula ke uYesu, wathi kubo, Bantwana, hayi, ukuba ngenkankulu ukuthi abo bakholose ngobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke abafundi bakhe bamangaliswa ngala mazwi akhe. Waza uYesu waphinda wathetha nabo, wathi kubo: “Bantwana bam, hayi ubunzima bokuxhamla ukulawulwa nguThixo.