Mark 10:42 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Yesu wababiza wati kubo: Niyazi ukuba abo babalwayo ngokuba zinkosi zabaheyideni bayabapata ngobukosi, nokuba abakulu babo bayenza ngegunya pezu kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, uYesu ebabizele kuye, uthi kubo, Niyazi ukuba abo kuthiwa balawula iintlanga, bayazigagamela; nabo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, uYesu ebabizele kuye, uthi kubo, Niyazi ukuba abo kuthiwa balawula iintlanga, banobukhosi kuzo; nabo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu ke, ebabizele kuye, wathi kubo: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo bathi bayalawula banobukhosi kuzo; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.