Mark 10:51 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wapendula u‐Yesu wati kuye: Unga ndingakwenzela nto nina? Wayesiti oyimfama kuye: Raboni! ndinga ndingamkela ukubona kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Rabhoni, ndithanda ukuba ndibone.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wathi kuyo: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?” Yathi kuye imfama: “Nkosi yam, ndifuna ukuba ndibone.”