Mark 11:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akubona umkiwane ekude, unamagqabi, weza ukuba umhlaumbi wofumana into kuwo; (wati akufika kuwo, wafumana amagqabi kwapela;) ngokuba bekungelixesha lamakiwane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo; akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingelilo ixesha lamakhiwane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo. Akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingekafiki ixesha lamakhiwane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza wathi, akuba ebone umkhiwane uthe qelele, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana siqhamo na kuwo. Akufika kuwo akafumananga nto ngaphandle kwamagqabi, kuba kwakungelilo ixesha lamakhiwane.