Mark 11:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kanjalo wafundisa, esiti kubo: Akuba̔liwe na ukuti: Indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza kuzo zonke intlanga? kanti nina niyenzile umqolomba wamabada.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabafundisa esithi: “Akatsho na uThixo *eziBhalweni ukuthi: ‘Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu ekuthandazelwa kuyo ziintlanga zonke’? Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.”