Mark 11:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza beva ababa̔li nabaperisite abakulu, bafuna ukuba boti nina ukumbubisa; ngokuba bebemoyika, kuba isihlwele sonke sibe simangaliswa pezu kwesifundiso sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangathini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangathini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bekuvile oku ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho, bafuna indlela abanokumbulala ngayo uYesu. Babesoyika, kuba indimbane yonke yayimangalisiwe yimfundiso yakhe.