Mark 11:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati kubo: Hambani niye emzini omalungana nani; nose niti ke nakungena kuwo, nifumane iqwaṙashana libotshelelwe, ekungahlalanga namnye umntu pezu kwalo: likululeni nilizise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi ningena kuwo, nibe senifumana ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; mkhululeni nize naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nani. Nothi ke ningenanje nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni ke, niyizise apha.