Mark 11:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Osukuba esiti kulentaba: Yiba ususwa, uposelwe elwandle; aze angatandabuzi entliziyweni yake, koko akolwe ukuba izinto azitetayo ziyenzeka; uya kuba nako oko asukuba esitsho kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle; engathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka; woba nako oko akuthethayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa.