Mark 11:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Yesu wapendula wati kubo: Nam ndobuza kuni indawo ibe nye, nize nindipendule, ndandiya kunixelela kungelanina igunya endizenza ezizinto:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula ke uYesu, wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula uYesu wathi kubo: “Nam ndiya kunibuza mbuzo mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.