Mark 12:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza waqala ukuteta kubo ngemizekeliso, esiti: Umntu otile watyala isitiya, wa si biyela ngotango, wembela ifatye yeveyine, waka inqaba, wasiqeshisela kubalimi, waza wahambela kwelinye ilizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waqala ukuthi kubo ngemizekeliso, Umntu watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza waqala ukuthetha nabo ngemizekeliso. Ubani watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi: “Umntu othile watyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe.