Mark 12:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Beza ke bona bati kuye: Mfundisi! siyazi ukuba uyinene, ungakatali ngumntu; ngokuba ungabuki ubuso babantu, koko ufundisa indlela katixo ngokwenyaniso: kufanelekile ukunika umnikelo ku‐Kesare, aku fanelekile, kusinina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene. Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, kusini na? Sinikele, singanikeli, kusini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo ufundisa ngayo ngenyaniso, kuKesare, akunjalo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Befikile ke bona, bathi kuye: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, ungenamkhethe, kuba akucengi bani, kodwa uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo. Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga; masiyirhole irhafu, singayirholi, kusini na?”