Mark 12:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati ngexesha elifanelekileyo watuma kubalimi isicaka, ukuze samkele kubalimi kwiziqa̔mo zesitiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ngelona xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ngelo xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo ke, wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso.