Mark 12:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ngabo abafileyo, ukuba bayavuka, anileseshanga na encwadini ka‐Mosesi, endaweni yetyolo, okokuba utixo wateta kuye, esiti: Mna ndi ngutixo ka‐Abrahame, notixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokusingisele kwabafileyo ke, ukuba bayavuka, anilesanga na encwadini kaMoses, endaweni ethetha ngetyholo, okokuba uThixo wathetha kuye esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokusingisele kwabafileyo, ukuba baya kuvuka, anilesanga na encwadini kaMoses, ethetha ngetyholo, okokuba wathi uThixo kuye, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, anifundanga na encwadini kaMosis, kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo, okokuba uThixo wathetha naye esithi: ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’?